Uyoshuwa 15:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku iqashiso lesizwe soonyana bakaYuda, ngokwemizalwane yabo, lasinga emdeni wakwaEdom, entlango yeTsin ngasezantsi, ekupheleni komzantsi.

2. Umda wabo wasezantsi wathabathela ekupheleni koLwandle lweTyuwa, encamini ebheka ezantsi.

3. Waphuma, wasinga ngezantsi ekunyukeni kweAkrabhim, wegqitha waya eTsin, wenyuka waya ngasezantsi kweKadeshebharneha, wegqitha waya eHetseron, wenyuka waya eAdare, wajika waya eKarka;

Uyoshuwa 15