Uyoshuwa 12:4-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Bahlutha necala likaOgi ukumkani waseBhashan, owayesele kumaRafa, obehleli eAshtaroti nase-Edreyi,

5. elawula entabeni yeHermon naseSaleka, nakwiBhashan yonke, wesa emdeni wamaGeshuri, namaMahakati, nesiqingatha seGiliyadi, umda kaSihon ukumkani waseHeshbhon.

6. UMoses, umkhonzi kaYehova, noonyana bakaSirayeli bababulala abo. UMoses, umkhonzi kaYehova, walinika lamiwa ngamaRubhen, nangamaGadi, nesiqingatha sesiwe sakwaManase.

7. Ngabo aba ookumkani belizwe, awababulaláyo uYoshuwa noonyana bakaSirayeli nganeno kweYordan ngasentshonalanga, ethabathela eBhahali-gadi entilini yeLebhanon, wesa ezintabeni ezimkhuthuka, ezinyukayo ziye kwaSehire; uYoshuwa walinika izizwe zakwaSirayeli,

8. zema kulo ngokweentlantlu zazo, ezintabeni, nasezihlanjeni, naseArabha, nasemaxandekeni, nasentlango, nakwelasezantsi: amaHeti, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi:

9. ngukumkani waseYeriko, emnye; ngukumkani waseAyi, engecala leBheteli, emnye;

10. ngukumkani waseYerusalem, emnye; ngukumkani waseHebron, emnye;

11. ngukumkani waseYarmuti, emnye; ngukumkani waseLakishe, emnye;

12. ngukumkani wase-Eglon, emnye; ngukumkani waseGezera, emnye;

Uyoshuwa 12