Uyona 2:4-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ndathi ke mna, Ndigxothiwe phambi kwamehlo akho;Noko ke ndiya kubuya ndibheke etempileni yakho engcwele.

5. Andirhawula amanzi, ada eza emphefumlweni;Andijikeleza amanzi enzonzobila;Ingca yolwandle yayithi jize intloko yam.

6. Ndehla ndaya ezikhondweni zeentaba;Lona ihlabathi, imivalo yalo yandivalela ngonaphakade;Wasuka wabunyusa emhadini ubomi bam, Yehova Thixo wam.

7. Ekutyhafeni komphefumlo wam ngaphakathi kwam, ndakhumbula uYehova;Wafika kuwe umthandazo wam etempileni yakho engcwele.

8. Abagciné amampunge angento yantoBashiya inceba yabo

9. Ke mna ndiya kubingelela kuwe ndinezwi lokubulela;Endakubhambathisayo ndiya kukuzalisa.Usindiso lukuYehova.

10. UYehova wathetha nentlanzi, yamhlanzela uYona emhlabeni owomileyo.

Uyona 2