Uyohane 9:33-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. Ukuba lo ebengenguye owakwaThixo, ebengenakwenza nto.

34. Aphendula athi kuye, Wena wazalelwa ezonweni kanye; ùfundisa thina na wena? Amkhuphela ngaphandle.

35. Weva uYesu ukuba amkhuphele ngaphandle. Uthe akumfumana wathi kuye, Wena uyakholwa na kuNyana kaThixo?

Uyohane 9