23. Kungenxa yoko abazali bakhe bathi, Uselemkhulu, buzani kuye.
24. Ambiza ngoko okwesibini umntu obeyimfama, athi kuye, Zukisa uThixo; siyazi thina ukuba lo mntu ungumoni.
25. Uphendule ngoko yena, wathi, Ukuba ungumoni, andazi; ndazi ntonye, eyokuba ndibe ndiyimfama nje, ngoku ndiyabona.
26. Abuye ke athi kuye, Wénzé ntoni na kuwe? útheni na ukuwavula amehlo akho?
27. Wawaphendula wathi, Sendinixelele, naza aneva; nithandelani na ukubuya nive? Nani ningaba nithanda ukuba ngabafundi bakhe na?
28. Amtshabhisa ngoko athi, Nguwe umfundi wakhe; ke thina singabafundi bakaMoses.
29. Siyazi thina, ukuba uThixo uthethile kuMoses; lo yena asimazi apho avela khona.