53. Wena ungaba umkhulu yini na kunobawo wethu uAbraham, yena wafayo? Nabaprofeti bafa; uzenza bani na wena?
54. Waphendula uYesu wathi, Ukuba mna ndithi ndizizukise, uzuko lwam alungebi nto; nguBawo ondizukisayo; enithi nina nguThixo wenu.
55. Kanti ke animazanga, mna ke ndiyamazi. Ukuba ke ndithe andimazi, ndoba ndilixoki njengani; ndiyamazi, ndiligcinile nelizwi lakhe.
56. UAbraham, uyihlo, wagcobela ukuwubona umhla wam; wawubona, wavuya.
57. Athi ngoko amaYuda kuye, Ungekabi naminyaka imashumi mahlanu nje, umbonile na uAbraham?
58. Wathi kuwo uYesu, Inene, inene, ndithi kuni, Engekabikho uAbraham, mna ndikho kade.