Uyohane 8:14-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Waphendula uYesu wathi kubo, Nokuba ndithi ndizingqinele mna ngokwam, buyinene ubungqina bam; ngokuba ndiyazi apho ndavela khona, nalapho ndiya khona; ke nina anazi apho ndivela khona, nalapho ndiya khona.

15. Nina nigweba ngokwenyama; mna andigwebi namnye.

16. Nokuba ndithi ndigwebe mna, umgwebo wam uyinene; ngokuba andindedwa, ndim noBawo owandithumayo.

17. Nasemthethweni wenu ke kubhaliwe kwathiwa, Ubungqina babantu ababini buyinene.

18. Mna ndingulowo uzingqinelayo; uyandingqinela nalowo wandithumayo, uBawo.

19. Bathi ngoko kuye, Uphi na uYihlo? Waphendula uYesu, wathi, Anindazi mna; animazi noBawo. Ukuba benindazi mna, ninge nimazi noBawo.

20. Loo mazwi wawathetha uYesu ngasemkhumbini wokulondoloza imali, efundisa etempileni; akwabakho namnye umbambayo; ngokuba belingekafiki ilixa lakhe.

21. Wabuya ngoko uYesu wathi kubo, Ndiyemka mna; niya kundifuna, nifele esonweni senu; apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina.

22. Abesithi ngoko amaYuda, Angaba úya kuzibulala na, le nto athi, Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina?

Uyohane 8