Uyohane 7:42-51 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

42. Asitshongo na isibhalo ukuthi, uKristu* uphuma embewini kaDavide, naseBhetelehem, umzana abekuwo uDavide?

43. Ke ngoko sathi qheke kubini isihlwele ngenxa yakhe.

44. Inxenye ke kubo yayithanda ukumbamba, kodwa akubangakho namnye umsa izandla.

45. Afika ngoko amadindala kubabingeleli abakhulu nakubaFarisi; baza bona bathi kuwo, Kungani na ukuba ningezi naye?

46. Aphendula amadindala athi, Akuzanga kuthethe mntu njengoko athetha ngako lo mntu.

47. Bawaphendula ngoko abaFarisi, bathi, Ningaba nilahlekisiwe nani na?

48. Kubaphathi nakubaFarisi kungaba kukho mntu ukholiweyo kuye yini na?

49. Olu luntu lungawaziyo umthetho luqalekisiwe.

50. Uthe uNikodemo kubo (lowo wezayo kuye ebusuku, engomnye kwabo),

51. Umthetho wethu uyamgweba yini na umntu, ukuba awuthanga uve kuye kuqala, uqonde into ayenzayo?

Uyohane 7