Uyohane 6:53-56 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

53. Wathi ngoko uYesu kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana woMntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni.

54. Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, unobomi obungunaphakade; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.

55. Kuba inyama yam ikukudla, inyaniso; negazi lam liluselo, inyaniso.

56. Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, uhleli kum, nam ndihleli kuye.

Uyohane 6