Uyohane 5:44-47 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

44. Ningathini na ukuba nako ukukholwa, nisamkelela uzuko omnye komnye nje nina, nibe uzuko lona oluvela kuThixo yedwa ningalufuni?

45. Ningàbi ndiya kunimangalela kuBawo mna; ukho onimangalelayo, uMoses, lowo nimthembileyo nina.

46. Kuba, ukuba benikholiwe nguMoses, ninge nikholiwe ndim; kuba yena wabhala ngam.

47. Ke ukuba anikholwa zizibhalo zakhe yena, ningáthini na ukukholwa ngawam amazwi?

Uyohane 5