26. Athi uYesu kuyo, Mna ndithethayo nawe ndinguye.
27. Kwathi kwangoko bafika abafundi bakhe, bamangaliswa kukuba athethe nomntu oyinkazana; noko ke akubangakho namnye owathi. Ùfuna ntoni na? nowathi, Yini na ukuba uthethe nayo?
28. Yawushiya ngoko umphanda wayo intokazi, yemka yaya ekhaya; ithi ebantwini,
29. Yizani, nibone umntu ondixelele izinto zonke endakha ndazenza; lo akangebi nguye uKristu* yini na?
30. Baphuma ke ekhaya, baye besiza kuye.