10. Yathi kuye, Wonke umntu ubeka kuqala iwayini emnandi, aze xa bathe basela bakholisa, andule ukubeka enganeno kwaleyo; wena uyibandezile iwayini emnandi, kwada kwangoku.
11. Oku kuqaleka kwemiqondiso wakwenza uYesu eKana yelaseGalili, walubonakalalisa uzuko lwakhe; bakholwa kuye abafundi bakhe.
12. Emveni koko wehla waya eKapernahum, yena nonina, nabazalwana bakhe, nabafundi bakhe; bahlala khona iintsuku ezingeninzi.
13. Yayikufuphi ke ipasika* yamaYuda; wenyuka uYesu waya eYerusalem.
14. Wabafumana etempileni ababethengisa ngeenkomo nezimvu namahobe, nabananisa ngemali behleli.
15. Wenza iziniya ngemizĂ, wabakhupha bonke etempileni, kwanezimvu neenkomo; wayiphalaza imali yabananisi, wazibhukuqa neetafile;
16. wathi nakwabo bathengisa ngamahobe, Ezi zinto zisuseni apha; musani ukuyenza indlu kaBawo indlu yokuthengisela.