Uyohane 19:5-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Waphuma phandle ngoko uYesu, enxibe isithsaba sameva nengubo ebomvu; athi uPilato kubo, Nanko umntu.

6. Bathe ngoko, bakumbona ababingeleli abakhulu namadindala, bankqangaza, besithi, Mbethelele emnqamlezweni! Mbethelele emnqamlezweni! Athi kubo uPilato, Mthabatheni nina, nimbethelele emnqamlezweni; kuba mna andifumani tyala kuye.

7. Amphendula amaYuda athi, Thina sinomthetho; ngomthetho wethu ke úfanele ukufa, ngokuba ezenze uNyana kaThixo.

8. Uthe ngoko uPilato, akuliva elo lizwi, woyika ngakumbi.

9. Wabuya wangena endlwini yerhuluneli, wathi kuYesu, Ungowaphi na wena?

Uyohane 19