Uyohane 18:23-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Waliphendula uYesu wathi, Ukuba ndithethé kakubi, ngqinela ububi obo; kodwa ukuba ndithethé kakuhle, undibethelani na?

24. UAnas wamthumela ebotshiwe kuKayafa umbingeleli omkhulu.

25. Ke kaloku uSimon Petros wayemi esotha; bathi ngoko kuye, Ingaba nawe ungowabafundi bakhe yini na? Wakhanyela yena wathi, Andinguye.

Uyohane 18