17. Sithi ngoko isicakazana esingumgcini-sango kuPetros, Ingaba nawe ungowabafundi balo mntu yini na?
18. Athi yena, Andinguye. Ke kaloku kwakumi khona abakhonzi namadindala bebàse umlilo wamalahle, ngokuba bekubanda; bamana besotha, waye ke uPetros emi nabo esotha.
19. Umbingeleli omkhulu ngoko wambuza uYesu ngabafundi bakhe, nangayo imfundiso yakhe.
20. Wamphendula uYesu wathi, Mna ndathetha ngokungafihlisiyo kulo ihlabathi; mna bendihleli ndifundisa endlwini yesikhungu nasetempileni, apho amaYuda ebesakubuthelana khona, evela kumacala onke; emfihlekweni andithethanga nto.
21. Yini na ukuba ubuze kum? Buza kwabo bayivileyo into endayithetha kubo; uyabona, aba bayakwazi oko ndakuthethayo.
22. Ke kaloku, akubon' ukuba utshilo, elinye lamadindala, elalimi khona, lammonxoza uYesu, lathi, Wènjenje na ukumphendula umbingeleli omkhulu?
23. Waliphendula uYesu wathi, Ukuba ndithethé kakubi, ngqinela ububi obo; kodwa ukuba ndithethé kakuhle, undibethelani na?
24. UAnas wamthumela ebotshiwe kuKayafa umbingeleli omkhulu.
25. Ke kaloku uSimon Petros wayemi esotha; bathi ngoko kuye, Ingaba nawe ungowabafundi bakhe yini na? Wakhanyela yena wathi, Andinguye.
26. Athi omnye umkhonzi wombingeleli omkhulu, osisalamane salowo uPetros wamnqamla indlebe, Andikubonanga mna yini na emyezweni unaye?
27. Wabuya ke wakhanyela uPetros. Yasuka yalila kwaoko inkuku.
28. Bamsusa ngoko uYesu kuKayafa, bamsa kwindlu yerhuluneli; bekukusasa ke oko; bona abangenanga endlwini yerhuluneli, ukuze bangadyobheki, ukuze bayidle ipasika.*