Uyohane 16:23-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Nangaloo mini aniyi kundibuza nto. Inene, inene, ndithi kuni, Zonke izinto enithe nazicela kuBawo egameni lam, woninika.

24. Kude kwaba ngokunje, anikaceli nto egameni lam; celani, niya kwamkela, ukuze uvuyo lwenu luzaliseke.

25. Ezi zinto ndizithethile kuni ngokuntsonkotha; kuza ilixa endingasayi kuba sathetha kuni ngokuntsonkotha; ndiya kunibikela ngokusekuhleni ngaye uBawo.

26. Ngaloo mini niya kucela egameni lam; anditsho kuni ukuthi, ndiya kunicelela kuBawo;

27. kuba uBawo ngokwakhe uyanithanda; ngokuba nina nindithandile, nakholwa ukuba mna ndaphuma kuThixo.

28. Ndaphuma kuBawo, ndeza ehlabathini; ndibuya ndilishiye ihlabathi, ndiye kuBawo.

29. Bathi kuye abafundi bakhe, Uyabona, ngoku uthetha ngokusekuhleni, akuthethi nto ngakuntsonkotha.

30. Ngoku siyazi, ukuba uyazazi zonke izinto, akusafuneki kuwe ukuba ubani akubuze nto; ngaloo nto siyakholwa ukuba waphuma kuThixo.

31. Wabaphendula uYesu wathi, Niyakholwa na ngoku?

Uyohane 16