13. Akukho namnye unalo uthando olungaphezu kolu, lokuba ubomi bakhe abuncamele izihlobo zakhe.
14. Nizizihlobo zam nina, ukuba nithi nikwenze konke endinimisela khona mna.
15. Andisatsho ukuthi ningabakhonzi; ngokuba umkhonzi akakwazi okwenziwa yinkosi yakhe; mna ke ndithe nizizihlobo; ngokuba zonke izinto endaziva kuBawo, ndanazisa zona.
16. Asinini enanyula mna; ndim owanyula nina, ndanimisela, ukuze niye nithwale isiqhamo, nokuze isiqhamo senu sihlale; ukuze oko enithe nakucela kuBawo egameni lam, nikunikwe.
17. Ndiniwisela lo mthetho wokuba nithandane.
18. Ukuba ihlabathi linithiyile, yazini ukuba lindithiyƩ kuqala kunani.