Uyohane 15:12-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Nguwo lo umthetho wam, wokuba nithandane, njengoko ndanithandayo nina.

13. Akukho namnye unalo uthando olungaphezu kolu, lokuba ubomi bakhe abuncamele izihlobo zakhe.

14. Nizizihlobo zam nina, ukuba nithi nikwenze konke endinimisela khona mna.

15. Andisatsho ukuthi ningabakhonzi; ngokuba umkhonzi akakwazi okwenziwa yinkosi yakhe; mna ke ndithe nizizihlobo; ngokuba zonke izinto endaziva kuBawo, ndanazisa zona.

16. Asinini enanyula mna; ndim owanyula nina, ndanimisela, ukuze niye nithwale isiqhamo, nokuze isiqhamo senu sihlale; ukuze oko enithe nakucela kuBawo egameni lam, nikunikwe.

17. Ndiniwisela lo mthetho wokuba nithandane.

18. Ukuba ihlabathi linithiyile, yazini ukuba lindithiyé kuqala kunani.

19. Ukuba beningabehlabathi, ihlabathi linge likuthanda okwalo; ke ngokuba ningengabehlabathi, ndaninyulayo mna kulo ihlabathi, ngenxa yoko linithiyile ihlabathi.

20. Likhumbuleni ilizwi endalithethayo mna kuni, elithi, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe. Ukuba bánditshutshisa mna, bonitshutshisa nani; ukuba ilizwi lam báligcina, nelenu boligcina.

21. Ke ezi zinto zonke baya kuzenza kuni ngenxa yegama lam, ngokuba bengamazi owandithumayo.

22. Ukuba bendingezanga ndathetha kubo, ngebengabanga nasono; ngoku abanasikhuselo sesono sabo.

23. Lowo uthiye mna, uthiye noBawo.

Uyohane 15