Uyohane 12:41-44 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

41. Ezi zinto wazithetha uIsaya, oko wabubonayo ubuqaqawuli bakhe, wathetha ngaye.

42. Noko ke nakubo abaphathi into eninzi yakholwa kuye; kodwa ngenxa yabaFarisi yayingavumi ngamlomo, hleze ikhutshwe esikhungwini;

43. kuba babethanda uzuko oluvela ebantwini, ngaphezu kozuko oluvela kuThixo.

44. Ke yena uYesu wadanduluka wathi, Lowo ukholwayo kum, akakholwa kum, ukholwa kulowo wandithumayo.

Uyohane 12