Uyohane 12:29-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Isihlwele ngoko esasimi seva, sathi, Liyaduduma. Abanye bathi, Kuthethe isithunywa sezulu kuye.

30. Waphendula uYesu wathi, Eli lizwi alibangakho ngenxa yam; libekho ngenxa yenu.

31. Kungoku ukugwetywa kwalo eli hlabathi; kungoku umphathi walo eli hlabathi aya kukhutshelwa phandle.

32. Mna ke, ukuba ndithe ndaphakanyiswa emhlabeni, ndiya kubatsalela bonke kum.

33. (Wayesitsho ke, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeza kufa ngako.)

Uyohane 12