Uyohane 11:39-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

39. Athi uYesu, Lisuseni ilitye. Athi kuye uMarta, udade wofileyo, Nkosi, uselenuka, kuba untsuku-né efile.

40. Athi uYesu kuye, Anditshongo na kuwe ukuthi, Ukuba uthe wakholwa, wolubona uzuko lukaThixo?

41. Balisusa ngoko ilitye apho abelele khona ofileyo.Wawaphakamisa ke amehlo uYesu, wakhangela phezulu, wathi, Bawo, ndiyabulela kuwe kuba undivile.

42. Mna ke bendisazi ukuba uhleli undiva; ke nditsho ngenxa yesihlwele esixhonteleyo, ukuze bakholwe ukuba wena wandithuma.

43. Etshilo ke, wadanduluka ngezwi elikhulu, wathi, Lazaro, phuma.

Uyohane 11