23. Athi kuye uYesu, Umnakwenu uya kubuya avuke.
24. Athi uMarta kuye, Ndiyazi ukuba uya kubuya avuke eluvukweni, ngomhla wokugqibela.
25. Wathi uYesu kuye, Ndim uvuko, ndim ubomi; lowo ukholwayo kum, nokuba ubethé wafa, wodla ubomi.
26. Bonke abadla ubomi bekholwa kum, abasayi kufa naphakade; ùyakholwa na koko?
27. Athi kuye, Ewe, Nkosi, mna ndiyakholwa ukuba wena unguye uKristu,* uNyana kaThixo, lowo uzayo ehlabathini.
28. Waza etshilo wemka, waya wabiza uMariya umsakwabo ngasese, wathi, UMfundisi ukho, úyakubiza.