22. Nangoku ndiyazi ukuba, ongáthi ukucele kuThixo, oko wokunika uThixo.
23. Athi kuye uYesu, Umnakwenu uya kubuya avuke.
24. Athi uMarta kuye, Ndiyazi ukuba uya kubuya avuke eluvukweni, ngomhla wokugqibela.
25. Wathi uYesu kuye, Ndim uvuko, ndim ubomi; lowo ukholwayo kum, nokuba ubethé wafa, wodla ubomi.
26. Bonke abadla ubomi bekholwa kum, abasayi kufa naphakade; ùyakholwa na koko?
27. Athi kuye, Ewe, Nkosi, mna ndiyakholwa ukuba wena unguye uKristu,* uNyana kaThixo, lowo uzayo ehlabathini.
28. Waza etshilo wemka, waya wabiza uMariya umsakwabo ngasese, wathi, UMfundisi ukho, úyakubiza.
29. Uthi yena, akuva oko, asuke kamsinya eze kuye.
30. (Ke kaloku, uYesu ebengekangeni phakathi komzi; wayesekuloo ndawo uMarta wamhlangabeza ekuyo.)
31. Athe ngoko amaYuda abenaye endlwini emkhuza, akumbona uMariya, ukuba usuke kamsinya waphuma, amlandela esithi, Úya engcwabeni, ukuya kulila khona.
32. UMariya ngoko, akufika apho uYesu ebekhona, akumbona, wawa ezinyaweni zakhe, esithi kuye, Nkosi, ukuba ubulapha, ange engafanga umnakwethu.
33. Uthe ngoko uYesu, akumbona elila, namaYuda abeze naye elila, wafutheka, wakhathazeka.
34. Wathi, Nimbeke phi na?
35. Bathi kuye, Nkosi, yiza ubone. UYesu walila.
36. Ayesithi ngoko amaYuda, Yabonani ke ukumthanda kwakhe!
37. Ke abathile kuwo bathi, Ubengenako na lo, wawavulayo amehlo emfama, ukwenza ukuba naló angafi?
38. Abuye ke uYesu afutheke ngaphakathi kwakhe, eze engcwabeni. Laye ke lingumqolomba, kubekwe ilitye kuwo.