Uyohane 11:18-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. (Ke kaloku iBhetani ibikufuphi neYerusalem, umgama wayo uzizitadiya* ezingathi zilishumi elinazihlanu.)

19. Kwakufike abaninzi bakumaYuda, kwabo babenoMarta noMariya, ukuze babakhuze ngaye umnakwabo.

20. Akuva ngoko uMarta ukuba uYesu uyeza, wamhlangabeza; ke yena uMariya wahlala endlwini.

21. Wathi ngoko uMarta kuYesu, Nkosi, ukuba ubulapha, umnakwethu ange engafanga.

22. Nangoku ndiyazi ukuba, ongáthi ukucele kuThixo, oko wokunika uThixo.

23. Athi kuye uYesu, Umnakwenu uya kubuya avuke.

24. Athi uMarta kuye, Ndiyazi ukuba uya kubuya avuke eluvukweni, ngomhla wokugqibela.

25. Wathi uYesu kuye, Ndim uvuko, ndim ubomi; lowo ukholwayo kum, nokuba ubethé wafa, wodla ubomi.

26. Bonke abadla ubomi bekholwa kum, abasayi kufa naphakade; ùyakholwa na koko?

27. Athi kuye, Ewe, Nkosi, mna ndiyakholwa ukuba wena unguye uKristu,* uNyana kaThixo, lowo uzayo ehlabathini.

28. Waza etshilo wemka, waya wabiza uMariya umsakwabo ngasese, wathi, UMfundisi ukho, úyakubiza.

29. Uthi yena, akuva oko, asuke kamsinya eze kuye.

Uyohane 11