1. Ke kaloku, kwaye kusifa umntu othile, uLazaro waseBhetani, umzi wakulooMariya, noMarta udade wabo.
2. Yaye ke inguloo Mariya, wayithambisayo iNkosi ngamafutha aqholiweyo, wazisulayo iinyawo zayo ngeenwele zakhe, omnakwabo uLazaro wayesifa.
3. Bathumela ngoko oodade babo kuye, besithi, Nkosi, uyabona, lowo ùmthandayo uyafa.
4. Evile ke uYesu wathi, Esi sifo asiyelele kufeni; singenxa yozuko lukaThixo, ukuze uNyana kaThixo azukiswe ngaso.
5. Ke uYesu wayebathanda ooMarta nomsakwabo noLazaro.