Uyohane 10:24-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Amngqonga ngoko amaYuda, athi kuye, Koda kube nini na usiphongomisile? Ukuba unguye uKristu,* sixelele ngokuphandle.

25. Wawaphendula uYesu wathi, Ndinixelele, noko anikholwa; imisebenzi endiyenzayo mna egameni likaBawo, yona iyangqina ngam.

26. Nina anikholwa, kuba aningabo abezimvu zam; njengoko ndanixelelayo.

27. Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela;

28. mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam.

29. UBawo, ondinike zona, ungaphezu kwabo bonke; akukho bani unako ukuzihlutha esandleni sikaBawo.

30. Mna noBawo sibanye.

31. Abuya ngoko amaYuda achola amatye ukuba amxulube.

32. Wawaphendula uYesu wathi, Mininzi imisebenzi emihle endanibonisayo, ivela kuBawo; nindixuluba ngenxa yawuphi na umsebenzi kuyo?

33. Amphendula amaYuda esithi, Asikuxulubeli msebenzi mhle, sikuxuluba ngokuba unyelisa; nangokuba wena usithi, ùngumntu nje, usuke uzenze uThixo.

34. Uwaphendule uYesu wathi, Akubhaliwe na emthethweni wenu, kwathiwa, Mna ndithe ningoothixo?

Uyohane 10