Uyohane 10:20-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Yayisithi ke into eninzi kuwo, Únedemon, úyageza; yini na ukuba nimphulaphule?

21. Abanye babesithi, La mazwi asingawo awophethwe yidemon: idemon ingaba inako yini na ukuvula amehlo emfama?

22. Ke kaloku, kwabakho umthendeleko wokuhlaziywa kwetempile eYerusalem; kwaye kusebusika.

23. Waye ehambahamba uYesu etempileni, evarandeni* kaSolomon.

24. Amngqonga ngoko amaYuda, athi kuye, Koda kube nini na usiphongomisile? Ukuba unguye uKristu,* sixelele ngokuphandle.

Uyohane 10