Uyohane 10:10-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Isela alizi lingazele ukuze libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokugqithiseleyo.

11. Ndim umalusi olungileyo; umalusi olungileyo, ubomi bakhe ubuncamela izimvu.

12. Ke yena ongumqeshwa, engengumalusi, ezingezizo ezakhe izimvu, uyibona ingcuka isiza, azishiye izimvu, abaleke, ize ingcuka izibambe, izichithachithe izimvu.

13. Umqeshwa lo ke ubaleka ngokuba engumqeshwa, engazikhathalele izimvu.

14. Ndim umalusi olungileyo; ndiyazazi ezam, ndiyaziwa zezam.

15. Njengokuba endazi uBawo, nam ndiyamazi uBawo, nobomi bam ndibuncamela izimvu.

16. Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezobu buhlanti; nazo ezo ndimelwe kukuza nazo; zaye ziya kuliva izwi lam, zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye.

17. Ngenxa yoku uBawo uyandithanda; ngokuba mna ndibuncama ubomi bam, ukuze ndibuye ndibuthabathe.

18. Akukho namnye ubuhluthayo kum, ndiyabuncama mna ngokwam; ndinegunya lokubuncama, ndinegunya lokubuya ndibuthabathe; lo mthetho ndawamkela kuBawo.

19. Abuya ngoko amaYuda athi qheke kubini ngenxa yala mazwi.

Uyohane 10