Uyohane 1:6-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Kwakho mntu uthunyiweyo evela kuThixo, ugama linguYohane.

7. Lowo weza kuba lingqina, ukuze angqine ngalo ukhanyiso, ukuze bonke bakholwe ngaye.

8. Yena lowo ubengelulo ukhanyiso; weza kungqina ngalo ukhanyiso.

9. Waye ke yena elukhanyiso oluyinyaniso, olubakhanyiselayo abantu bonke, esiza ehlabathini.

10. Ube esehlabathini ke; ihlabathi labakho ngaye, ihlabathi alimazanga.

11. Weza kokwakhe, baza abakhe àbamvuma.

12. Ke bonke abamamkeláyo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo, abo ke bakholwayo kwigama lakhe;

13. abangàzalwanga ngagazi, nangakuthanda kwanyama, nangakuthanda kwandoda; bazalwa nguThixo.

14. ULizwi waba yinyama, wahlala phakathi kwethu, sabubona ubuqaqawuli bakhe, ubuqaqawuli kanye bowokuphela kwamzeleyo uYise, ezele lubabalo nayinyaniso.

Uyohane 1