6. Kwakho mntu uthunyiweyo evela kuThixo, ugama linguYohane.
7. Lowo weza kuba lingqina, ukuze angqine ngalo ukhanyiso, ukuze bonke bakholwe ngaye.
8. Yena lowo ubengelulo ukhanyiso; weza kungqina ngalo ukhanyiso.
9. Waye ke yena elukhanyiso oluyinyaniso, olubakhanyiselayo abantu bonke, esiza ehlabathini.
10. Ube esehlabathini ke; ihlabathi labakho ngaye, ihlabathi alimazanga.
11. Weza kokwakhe, baza abakhe àbamvuma.
12. Ke bonke abamamkeláyo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo, abo ke bakholwayo kwigama lakhe;
13. abangàzalwanga ngagazi, nangakuthanda kwanyama, nangakuthanda kwandoda; bazalwa nguThixo.
14. ULizwi waba yinyama, wahlala phakathi kwethu, sabubona ubuqaqawuli bakhe, ubuqaqawuli kanye bowokuphela kwamzeleyo uYise, ezele lubabalo nayinyaniso.