1. Ekuqalekeni ube ekho uLizwi, waye uLizwi ekuye uThixo, waye uLizwi enguThixo.
2. Yena lowo ebekho ekuqalekeni kuThixo.
3. Izinto zonke zabakho ngaye; engekho yena, akubangakho nanye into ethe yabakho.
4. Kuye kwakukho ubomi, baye ubomi obo bulukhanyiselo lwabantu.
5. Ukhanyiso ke olo lwabonakala ebumnyameni, basuka ubumnyama à baluqiqa.
6. Kwakho mntu uthunyiweyo evela kuThixo, ugama linguYohane.
7. Lowo weza kuba lingqina, ukuze angqine ngalo ukhanyiso, ukuze bonke bakholwe ngaye.
8. Yena lowo ubengelulo ukhanyiso; weza kungqina ngalo ukhanyiso.
9. Waye ke yena elukhanyiso oluyinyaniso, olubakhanyiselayo abantu bonke, esiza ehlabathini.
10. Ube esehlabathini ke; ihlabathi labakho ngaye, ihlabathi alimazanga.