Uyobhi 9:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Waphendula uYobhi, wathi,

2. Okwenene, ndiyazi ukuba kunjalo;Ke angáthini na umntu lo ukuba lilungisa phambi koThixo?

3. Ukuba úthe yena wafuna ukubambana naye,Ubengemphenduli namnye umbuzo kweliwaka.

4. Úlumkile ngentliziyo, ukhaliphile ngamandla:Ngubani na okha agogotye kuye, aze asinde?

5. Uloshenxisa iintaba zingazi,Ukuba azibhukuqe ngomsindo wakhe;

6. Ulogungqisa ihlabathi, lisuke endaweni yalo,Zididizele iintsika zalo;

7. Ulothetha elangeni lingaphumi,Azitywine, azivingce, iinkwenkwezi ngeenxa zonke;

8. Ulotwabulula ixulu eyedwa,Anyathele emimangweni yolwandle;

9. Ulowenza iinkwenkwezi zeBhere,* namaKroza, nesiLimela,Neengontsi zasezantsi.

10. Ulowenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa,Nemisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa.

11. Yabona, udlula phezu kwam, ndingamboni;Uthi phe, ndingamqondi,

12. Yabona, exwila, ngubani na ongamnqandayo?Ngubani na ongáthi kuye, Wènza ntoni na?

13. UThixo akawunqandi umsindo wakhe;Bayasibekeka phantsi kwakhe abancedi bakaRahabhi.

14. Ndingáthini na ke mna ukumphendula,Ndiwakhethe amazwi am okuphendula kuye?

Uyobhi 9