Uyobhi 8:12-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Iseluhlaza, ingekaphiwa,Yoyiphangela ingca yonke ngokoma.

13. Únjalo umendo wabo bonke abamlibalayo uThixo,Nethemba lomkhohlisi liyadaka;

14. Ngokuba ukugasa kwakhe kuyanqunyulwa;Yindlu yesigcawu ukukholosa kwakhe.

15. Wayama ngendlu yakhe, ingemi;Úbambelela kuyo, ingahlali.

16. Úluhlaza phambi kwelanga,Namagatya akhe ayaqabela eludongeni lwentsimi yakhe;

17. Iingcambu zakhe zijijene emweweni,Utyhudisa ezingcambeni zamatye.

Uyobhi 8