Uyobhi 7:7-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Khumbula ukuba bungumoya ubomi bam;Iliso lam aliyi kubuya likubone okulungileyo.

8. Aliyi kuba sandalama iliso londiboni leyo;Amehlo akho ekum, ndingabikho.

9. Liphelile ilifu, limkile;Unjalo ohla aye kwelabafileyo, akenyuki.

10. Akabi sabuyela endlwini yakhe,Ingabi samazi indawo yakhe.

11. Nam andiyi kuwubamba umlomo wam;Ndiya kuthetha ekubandezelweni komoya wam,Ndikhalaze ebukrakreni bomphefumlo wam.

12. Ndilulwandle na, ndiyingwenya na,Ukuba undimisele umlindo?

13. Xa bendisithi, Wóndithuthuzela umandlalo wam,Sondithwalisisa inkalazo yam isingqengqelo sam:

14. Wesuka wena wandoyikisa ngamaphupha,Wandidandathekisa emibonweni,

15. Wada umphefumlo wam wanyula ukukrwitshwa;Wanyula ukufa ngaphezu kwamathambo la.

16. Ndikruqukile; andingi ndingadla bomi ngonaphakade;Ndíyeke, kuba ingumphunga imihla yam.

17. Uyintoni na umntu lo, le nto umkhulisayo,Le nto uyisingise kuye intliziyo yakho,

18. Umvelele imiso yonkeUmcikide imizuzu yonke?

Uyobhi 7