7. Khumbula ukuba bungumoya ubomi bam;Iliso lam aliyi kubuya likubone okulungileyo.
8. Aliyi kuba sandalama iliso londiboni leyo;Amehlo akho ekum, ndingabikho.
9. Liphelile ilifu, limkile;Unjalo ohla aye kwelabafileyo, akenyuki.
10. Akabi sabuyela endlwini yakhe,Ingabi samazi indawo yakhe.
11. Nam andiyi kuwubamba umlomo wam;Ndiya kuthetha ekubandezelweni komoya wam,Ndikhalaze ebukrakreni bomphefumlo wam.
12. Ndilulwandle na, ndiyingwenya na,Ukuba undimisele umlindo?
13. Xa bendisithi, Wóndithuthuzela umandlalo wam,Sondithwalisisa inkalazo yam isingqengqelo sam:
14. Wesuka wena wandoyikisa ngamaphupha,Wandidandathekisa emibonweni,
15. Wada umphefumlo wam wanyula ukukrwitshwa;Wanyula ukufa ngaphezu kwamathambo la.
16. Ndikruqukile; andingi ndingadla bomi ngonaphakade;Ndíyeke, kuba ingumphunga imihla yam.
17. Uyintoni na umntu lo, le nto umkhulisayo,Le nto uyisingise kuye intliziyo yakho,
18. Umvelele imiso yonkeUmcikide imizuzu yonke?