1. Àkaphumé mkhosi na ehlabathini umntu?Àyinjengemihla yomqeshwa na imihla yakhe?
2. Njengesicaka esibe sizonda umthunzi,Njengomqeshwa olinde umvuzo wakhe?
3. Ndenjenjalo ukwamkeliswa iinyanga ezinenkohliso,Ndabalelwa nobusuku bobubi.
4. Ndakuba ndilele phantsi, ndithi,Ndiya kuvuka nini na? Ukuhlwa kolukile,Ndidikiwe kukuqikaqikeka kude kuse.