Uyobhi 6:14-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Akùhlaziswa oqotyiweyo ngummelwane wakhe,Uya kulahla ukumoyika uSomandla.

15. Abazalwana bam banginizile njengomlanjana,Njengomphantsi wemilanjana etshayo,

16. Emdaka ngumkhenkce,Elizifihla kuyo ikhephu.

17. Ekufikeni kokufudumala iyabhanga;Lakubalela ithi qoko, ingabikho ezindaweni zayo.

18. Iyajikajika imendo yokuhamba kwayo,Inyuka iye enyanyeni, idake.

19. Imikhoko yakwaTema yabheka,Imiqodi yakwaShebha yathemba yona;

20. Yadana, kuba ibikholosile;Yafika khona, yaneentloni.

21. Kuba ngoku nisuké naba yinto engento,Niboné ukuqhiphuka umbilini, noyika.

Uyobhi 6