Uyobhi 5:15-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Usindisa ihlwempu ekreleni, emlonyeni wabo,Nasesandleni sowomeleleyo.

16. Kubekho ke ithemba kosweleyo,Ubugqwetha buwuvale umlomo wabo.

17. Yabona, únoyolo mntu owohlwaywa nguThixo!Musa ke ukukucekisa ukuthethisa kukaSomandla!

18. Kuba wénza buhlungu, abophe;Úyaphalusa, ziphilise izandla zakhe.

19. Ezimbandezelweni ezintandathu úya kukuhlangula,Nakwezisixhenxe akuyi kuchukunyiswa bububi;

20. Endlaleni úkukhulula ekufeniEmfazweni úkukhulula ekuxatyelweni ngekrele,

21. Eziniyeni yolwimi ùzinyezwe,Ungoyiki imbuqo, yakufika.

22. Imbuqo nendlala ùya kuyihleka,Nerhamncwa lasendle ungaloyiki.

Uyobhi 5