6. Angárhweba ngayo na amahlulelana abambisayo,Ayabe phakathi kwabarhwebi?
7. Unokusizalisa na isikhumba sayo ngeenyembe,Nentloko yayo ngezikhali zeentlanzi?
8. Beka isandla sakho kuyo;Khumbula imfazwe, ungaphindi.
9. Yabona, ukulinda kobambisayo ngamanga;Inene, úqethuka kwaesayibona.
10. Akukho sijorha sokuyixhokonxa;Ngubani na ke ongazimisa phambi kwam?
11. Ngubani na ondiphangeleyo, wandinika ukuba ndibuyekeze?Okuphantsi kwamazulu onke kokwam.
12. Andiyi kuthi tu ngamalungu ayo,Neendawo zobugorha bayo, nezimbo zezintlu zayo.