Uyobhi 41:4-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ingénza umnqophiso na nawe,Wokuba uyithabathe ibe ngumkhonzi waphakade?

5. Ùngádlala na nayo njengentaka,Uyikhulekele amantombazana akho?

6. Angárhweba ngayo na amahlulelana abambisayo,Ayabe phakathi kwabarhwebi?

7. Unokusizalisa na isikhumba sayo ngeenyembe,Nentloko yayo ngezikhali zeentlanzi?

8. Beka isandla sakho kuyo;Khumbula imfazwe, ungaphindi.

9. Yabona, ukulinda kobambisayo ngamanga;Inene, úqethuka kwaesayibona.

10. Akukho sijorha sokuyixhokonxa;Ngubani na ke ongazimisa phambi kwam?

11. Ngubani na ondiphangeleyo, wandinika ukuba ndibuyekeze?Okuphantsi kwamazulu onke kokwam.

12. Andiyi kuthi tu ngamalungu ayo,Neendawo zobugorha bayo, nezimbo zezintlu zayo.

Uyobhi 41