Uyobhi 41:28-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Utolo lwesaphetha aluyibalekisi;Ajika abe ngumququ amatye okusawula kuyo.

29. Ithi imivinqi ziindiza,Ikuhleke ukutyityimba kwenkcula.

30. Ngaphantsi kwayo ziinkamba ezitsolo;Yaneka impahla yokusizila eludakeni.

31. Iyibiliza inzulu njengembiza,Ulwandle ilwenza njengehlàla loqholo.

32. Emva kwayo kukhanya indlela;Anga amanzi anzongonzongo zizimvi.

33. Ehlabathini akukho nto ifana nayo,Le yenziwáyo ayaba nakuqhiphuka umbilini.

34. Ibona konke okuphakamileyo;Ingukumkani yona kwizilo zonke ezinyalasayo.

Uyobhi 41