2. Wóbambana noSomandla na ke umthethiswa?Umohlwayi kaThixo makakuphendule oko.
3. UYobhi wamphendula uYehova, wathi,
4. Yabona, ndiphantsi. Ndothini na ukuphendula?Ndibeka isandla sam emlonyeni wam.
5. Ndithethile kwakanye, andiyi kuphinda ndiphendule;Ndithethile kwakabini, andiyi kuphinda ndibuye ndiqhube.
6. UYehova wamphendula uYobhi, esemoyeni ovuthuzayo, wathi,
7. Khawuzibhinqise amanqe akho njengomfo;Ndiya kukubuza, undazise.
8. Kanene ùya kwaphula nogwebo lwam na,Undigwebe, ukuze ube lilungisa?
9. Ùnengalo enjengekaThixo na,Ududume ngezwi njengaye?