Uyobhi 40:10-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Khawuzihombise ke ngobungangamsha nokuphakama kwakho,Wambathe indili nobungangamela.

11. Makuphalale ukuphuphuma komsindo wakho,Ulibone lonke ikratshi, uligungxule.

12. Líbone lonke ikratshi, ulithobe,Ubangqule abangendawo ezindaweni zabo.

13. Báqhusheke eluthulini kunye,Ububophe ubuso babo emfihlekweni.

14. Nam ndokudumisa,Ukuba sikusindisile isandla sakho sokunene.

15. Khawuyibone imvubu endayenza yanawe:Idla utyani njengenkomo.

16. Khawubone, amandla ayo asemanqeni ayo,Nokuqina kwayo kusezinyameni zesisu sayo.

17. Igoba umsila wayo njengomsedare,*Imisipha yamathangá ayo ibhijelene.

18. Amathambo ayo anjengemibholompo yobhedu,Amathambo ayo anjengemivalo yesinyithi.

19. Iyintlahlela yeendlela zikaThixo;UMenzi wayo wayinika ikrele layo.

20. Ngokuba iintaba ziyithwalela ukudla,Onke amarhamncwa asendle adlala khona.

Uyobhi 40