11. Ndathi, Fika apha, ungegqithi;Eme apha amaza akho akratshayo?
12. Ngemihla yakho wakha wayiwisela umthetho na intsasa,Wasazisa isifingo indawo yaso;
13. Ukuba sibambe amasondo ehlabathi,Bavuthulùlwe kulo abangendawo?
14. Liguquka njengodongwe lomsesane wokutywina,Zizimise ngokwazo izinto njengasesambathweni;
15. Abangendawo bavínjwe ukukhanya kwabo,Nengalo ephakamileyo yaphulwe.
16. Ùye wafika na emithonjeni yolwandle?Wahambahamba ezingontsingontsini zenzonzobila?
17. Ùwatyhilelwe na amasango okufa?Namasango ethunzi lokufa wawabona?
18. Ùbugqalile na ububanzi behlabathi?Xela, ukuba ùyakwazi oko konke.
19. Iphi na indlela esa ekhayeni lokukhanya,Nobumnyama iphi na indawo yabo,
20. Ukuba ubùse emdeni wabo,Ukuba uqonde iindlela zendlu yabo?
21. Ùyazi kambe, ngokuba wawusewuzelwe okoLilikhulu nenani lemihla yakho!
22. Ùfikelele na ebuncwaneni bekhephu?Ubuncwane besichotho wabubona,
23. Endabuqwebela ixesha lembandezelo,Imini yokudibana nemfazwe?
24. Iphi na indlela yalapho kwabiwa khona ukukhanya?Yalapho luphangalaliswa khona ulophu lwasempumalanga ehlabathini?
25. Ngubani na ogqobhozela isiphango umjelo, Ogqobhozela umbane weendudumo indlela;
26. Ukuba ine ezweni elingenamntu,Entlango, apho kungekho mntu;
27. Ihluthise intshabalala yakwantshabalala,Intshulise uhlaza oluphumayo?
28. Inoyise na imvula?Ngubani na ozala amathontsi ombethe?
29. Uphuma umkhenkce esizalweni sikabani na?Neqabaka yasezulwini izalwa ngubani na?