10. Ndakùlusikelela umda wam,Ndakùmisa imivalo neengcango;
11. Ndathi, Fika apha, ungegqithi;Eme apha amaza akho akratshayo?
12. Ngemihla yakho wakha wayiwisela umthetho na intsasa,Wasazisa isifingo indawo yaso;
13. Ukuba sibambe amasondo ehlabathi,Bavuthulùlwe kulo abangendawo?
14. Liguquka njengodongwe lomsesane wokutywina,Zizimise ngokwazo izinto njengasesambathweni;
15. Abangendawo bavínjwe ukukhanya kwabo,Nengalo ephakamileyo yaphulwe.
16. Ùye wafika na emithonjeni yolwandle?Wahambahamba ezingontsingontsini zenzonzobila?
17. Ùwatyhilelwe na amasango okufa?Namasango ethunzi lokufa wawabona?