Uyobhi 37:20-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Wóbikelwa na ukuthi ndiyathetha?Umntu uthi makaginywe na?

21. Ke ngoku àkubonwa kukhanyaKukhazimlayo, kusesibhakabhakeni;Kudlula umoya, lise.

22. Entla kuziwa negolide;Phezu koThixo yindili eyoyikekayo.

23. USomandla asinakumfumana, mkhulu ngamandla;Akagwenxi siko nabuninzi bobulungisa.

24. Ngako oko bayamoyika abantu;Akabakhathalele bonke abalumke ngokwabo.

Uyobhi 37