Uyobhi 36:18-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Kuba ubushushu mabungakuxhokonxeli ekutyhwakrazeni izandla,Nobukhulu bocamagusho mabungàthi gu bucala.

19. Ukuzibika kwakho kokubeka ngaphandle kwembandezelo na,Nemigushanxa yonke yamandla?

20. Musa ukuzonda ubusukuBokususa izizwe esikhundleni sazo.

21. Lumka, ungaguqukeli konobutshinga;Kuba ùnyulé loo nto kuneentsizi.

22. Yabona, uThixo uphakamise ukwenza ngamandla akhe;Ngubani na umyali onjengaye?

23. Ngubani na omphathise indlela yakhe;Ngubani na ongáthi, Wènzé ngobugqwetha?

24. Khumbula ukuba úwukhùlise ngendumiso umsebenzi wakhe,Awuhlabele ingoma amadoda.

25. Bonke abantu bayawubona;Umntu uwukhangela emgama.

26. Yabona, uThixo mkhulu, asimazi;Inani leminyaka yakhe aligocagoceki.

27. Kuba utsalela phantsi amathontsi amanzi,Achaphaze eyimvula enkungwini yakhe,

28. Esiyinisayo isibhakabhaka,Ivuze phezu kwabantu abaninzi.

Uyobhi 36