Uyobhi 35:6-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ukuba ùthi wone, usebenza ntoni na ngakuye?Khona zakuba zininzi izikreqo zakho, umenzé ntoni na?

7. Ukuba ùthe walungisa wena, umpha ntoni na ngaloo nto?Wámkela ntoni na yena esandleni sakho?

8. Kuyinto kwindoda enjengawe ukungabi ndawo kwakho;Buyinto kuwe, nyana womntu, ubulungisa bakho.

9. Ngenxa yobuninzi bokucudisa, bayakhala abantu;Bayazibika ngenxa yengalo yabakhulu.

Uyobhi 35