Uyobhi 33:24-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Wómbabala, athi,Mkhulule, angehli aye esihogweni,Kuba ndilufumene ucamagusho.

25. Isuka ibe nentlahla inyama yakhe;Ubuyela emihleni yobudodana bakhe;

26. Uthandaza kuThixo, akholiswe yena nguye;Abubone ubuso bakhe eduma;Yena ambuyekeze ke umntu ubulungisa bakhe.

27. Lo úvuma ebantwini, athi,Bendonile, ndakúgwenxa okuthe tye,Akwalinganiselwa kum njengoko noko.

28. Úwukhulúle umphefumlo wam, ukuba ungagqitheli esihogweni,Nobomi bam bókubona ukukhanya.

Uyobhi 33