12. Ndanigqala kakuhle;Yabonani, akukho namnye kuni umohlwayileyo uYobhi,Wawaphendula amazwi akhe.
13. Hleze nibe nithi, Sibufumene ubulumko;UThixo uyamphephetha, asingumntu.
14. Ke akakubhekisanga kum ukuthetha;Andiyi kumphendula ngamazwi enu.
15. Baqhiphuke umbilini, abasaphenduli;Baphelelwe kukuthetha.
16. Khe ndenze kùhle na, ngokuba bengathethi,Ngokuba bemi bengasaphenduli?
17. Ndiya kuphendula nam okwam,Ndixele ukwazi kwam nam.