Uyobhi 32:11-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Yabonani, bendiwalindile amazwi enu,Ndakubekela indlebe ukuqonda kwenu,Nada nagocagoca ukuthetha.

12. Ndanigqala kakuhle;Yabonani, akukho namnye kuni umohlwayileyo uYobhi,Wawaphendula amazwi akhe.

13. Hleze nibe nithi, Sibufumene ubulumko;UThixo uyamphephetha, asingumntu.

14. Ke akakubhekisanga kum ukuthetha;Andiyi kumphendula ngamazwi enu.

15. Baqhiphuke umbilini, abasaphenduli;Baphelelwe kukuthetha.

16. Khe ndenze kùhle na, ngokuba bengathethi,Ngokuba bemi bengasaphenduli?

17. Ndiya kuphendula nam okwam,Ndixele ukwazi kwam nam.

18. Kuba ndizele kukuthetha;Únditcuthile umoya wembilini yam.

19. Niyabona, imbilini yam injengewayini engavulelwanga;Njengeentsuba ezintsha, iza kugqabhuka.

20. Ndiya kuthetha, ukuze ndiphefumle;Ndiya kuwuvula umlomo wam, ndiphendule.

Uyobhi 32