11. Yabonani, bendiwalindile amazwi enu,Ndakubekela indlebe ukuqonda kwenu,Nada nagocagoca ukuthetha.
12. Ndanigqala kakuhle;Yabonani, akukho namnye kuni umohlwayileyo uYobhi,Wawaphendula amazwi akhe.
13. Hleze nibe nithi, Sibufumene ubulumko;UThixo uyamphephetha, asingumntu.
14. Ke akakubhekisanga kum ukuthetha;Andiyi kumphendula ngamazwi enu.
15. Baqhiphuke umbilini, abasaphenduli;Baphelelwe kukuthetha.
16. Khe ndenze kùhle na, ngokuba bengathethi,Ngokuba bemi bengasaphenduli?
17. Ndiya kuphendula nam okwam,Ndixele ukwazi kwam nam.
18. Kuba ndizele kukuthetha;Únditcuthile umoya wembilini yam.
19. Niyabona, imbilini yam injengewayini engavulelwanga;Njengeentsuba ezintsha, iza kugqabhuka.